











Tyelela  kwiphondo elisembindini...

Khawufan' ucinge ngendowo ekusalawula ucwangco nenzolo kuyo, apho uva umoyo opholileyo okuvuselelayo, apho ukuhamba phantsi kwesibhaka-bhaka esineenkwenkwezi nenyanga kukukhumbuza iimini zamandulo. Khawucinge ngokutyelela  iPhondo eFreyistata.

Njengoko iFreyistata ingqongwe ngamaphondo aliqela aseMzantsi-Afrika, ilelona lisembindini welizwe. Abatyeleli nabahlali bayulithanda eli phondo linomhlaba omhle nobuntu abahle.

Kwenziwa iinguqu kwizakhiwo nakwizinto ezingqongileyo kodwa inye into engaguqukiyo eFreyistata, abantu bakhona. Ukulawulwa koMzantsi-Afrika ngenkqubo yedemokhrasi kuphelise ucinezelo' localu- calulo', yaye kuveze ubuhle beli phondo.
lzithethe zaseAfrika akugqibeli ngokuthethwa ngazo, koko uyabubona ubuhle bazo xa zisenziwa. Ukususela ezixekweni kuse ezi likoshini apho ubona izirhoxo ezihle. Iphondo laseFreyistata lihle gqitha. Kuyaqala ukubu umenywe ngu-mntu wonke weli pho ndo ukuba utyelele kulo.

'Kgotso' - siyakubulisa ngoxolo.' Tlo Bone'
- siyokumema ukubo uzubona ubuhle beFreyistata.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha nga-maziko ali-1 l agcina izilwanyana zasendle, iindawo eziliqela zabatyeleli, iindawo zoku- chitha iiholide, iintaba onokunyuka kuzo, njolo -njalo... nceda uqhagamshelane neFree State Tourism Board, P0 Box 351 5, Bloemfontein, 9300. Inombolo yomnxebo ithi 051-447 1362.








U GQI RHA Sipho

LIKHULISWA NJANI ILUNGU
LOBUDODA
Ndingumfana onama-20 eminyaka onengxaki yokuba nelungu lobudoda elincinci. Ndifuna ukusebenzisa isikhulisi kodwa endifuna ukukwazi kukuba - kungaba kuyingozi na oko?
Andifuni kuyibeka esichengeni impilo yam ngzinto endingenalwazi Iubheke phi ngazo. Nceda undicebise. NguJ., eKapa.

Buyashiyana ubukhulu belungu lobudoda kodwa ngethamsanqa oku akuyidodobalisi indlela yokulisebenzisa. Utyando luyenziwa kodwa luyatyabula ngasemalini kwaye aluyondlwan' iyanetha.

MAKANYANGWE NAMAQABANE OMNTU ONESIFO ESISULELWA
NGESONDO
Ndosulelwa sisifo sesondo esibizwa nge-drops ndanyangwa ngtigqirha.
Kodwa andikaziva mnandi kwaye ndiyaqaqanjelwa kwilungtz lam langasese. Ndikwarhawuzelelwa emakhwapheni. Ngaba mhlawumbi
akandinyanganga ngokwaneleyo ugqirha?
NguX.P., eGauteng.

Kubalulekile ukusichana nokusinyanga ngokugqibeleleyo isifo esisulelwe ngesondo. Ukuvuza (okanye I' drops') inokudala ubudlolo xa inganyangisiswanga. Kubalulekile ke ngoko ukuba iqabane eliba nendibano yesondo linyangwe kungenjalo linokuphindwa losulelwe  xa libe nenye indibano.

ANDINAMDLA WASONDO
Ndilinenekazi elinama-25 eminyaka ubudala kwaye ingxaki yam kukuba andiyiva xa ingena incindi yobudoda xa ndinendibano yesondo nendincuma naye. Kwakhona andiva nto kwaye kundixhalabisa kakhulu oko. Ngaba oku kubangelwa kukuba ndisandul ukuzala?
NguE.L., eVirginia.

Kuqhelekile ukuba inenekazi lingavakalelwa kuyaphi kwindibano ngesondo emveni kokubeleka. Ngethamsanqa oku kuthabatha iivekana
ukuya kwiinyangana. Ikwasesinye sezizathu  ezibangela ukuba indibano yesondo ilungiselelwe umtshato. Utata womntwana uye ayamkele imeko enjalo.

NDIKHATHAZEKILE
EMPHEFUMLWENI
Ndineminyaka engama-25 kwaye ndililolo. Oko ndiye ndaswelekelwa ngumfana obesisithandwa sam kunyaka ophelileyo, ndiwuthile kuba andityi. Ndisoloko ndicinga ngaye.
Undishiye ndedwa nomntwana omnye.Ndingenza ntoni ukuphelisa olu dakumbo.
NguM.S.S., ePitoli.

Kubuhlungu ukulahlekelwa ngumntu obumthanda kwaye ngelishwa akukho yeza liphelisa loo ntlungu. Ekuhambeni kwexesha kuza kuba bhetele. Zigcine kukko into oyenzayo ukuze ungasoloko ucinga. Ungacingi ukuba ushiyeke wedwa
- unomntwana okuthandayo nokufunayo kwaye nanjengoko exhomekeke kuzole kuphela ngoku kubalulekile ukuzigcina usempilweni ngokutya ukutya okufaneleyo.










Zenzele UMHLOBO
UALBERT KADI unama-33 eminyaka, uthanda ukubhalelwa ngamanenekazl oneminyaka ephakathi kwama-25 nama-33. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo, ukuya ecaweni nokubukela TV. Mbhaleleni ngesiPedi okanye isiNgesi nize nifake ifoto kwileta. ldilesi yakhe lthi P0 Box 1443, Bochum, 0790.

UERIC PHETLA unama-34 eminyaka, akakatshati, uthanda ukubhalelwa ngamanenekazi azimisele ukutshata aneminyaka ephakathi kwama-25 nama-30. Abatshayayo nabaselayo bongazikhathazi. Uthanda ukuqamba nokucula umculo wokholo. Khanimbhalele ngesiPedi, lsiSuthu okanye lsiZulu. ldilesi yakhe lthi P0. Box 3141, Witbank,1 035.

UFLORENCE CHIDOTHI
uligqiyazana eline-16 leminyaka elingathanda ukubhalelwa ngabantu baseMzantsi Afrlka, eKenya, eZaire, eZimbabwe, eNgilani, eZambia, eBotswana noseBrithani. Uthanda ukubukela ividiyo, ukuncokola, ukuqubha nokufunda incwadi zamabali ahlekisayo. Idilesi yakhe lthi c/o Mr Chidothi, CID Office, P/Bag 305, Lilongwe, Malaei.

UNATHANIEL M. MOEKETSI
unama-24 eminyaka, uthanda ukuba nabahlobo eMzantsi Afrika. Uthanda ukucula nokuphulaphula umculo. Incwadi mazibhalwe ngesipedi, lsiTswana, lsiNgesi isiBhulu okanye lsiZulu. Idilesi yakhe lthi P0 Box l 1660, Pietermaritzburg, 3206.

ULAWRENCE MAQENA unama-36 eminyaka, uthanda ukuzenzela umhlobo namanenekazi aneminyaka ephakathi kwama-21 nama-36 abakumazwe aseAfrika. Uthanda ukudlala lnetball, ibhola ekhatywayo nokukhenketha. Akatshayi, engaseli. Uya kuphendula incwadi ezinefoto. ldilesi yakhe ithi P0 Box 109, Redan, 1931, South Africa


UT.K. MABENA, unama-29 eminyaka, linenekazi elingathanda ukuzenzela umhlobo nabafo abaneminyaka ephakathi  kwama-34 nama-38 aneenjongo zokutshata.
Uthanda ukuphulaphula umculo wokholo, ukufunda iimagazini nokuya ecaweni. Abaselayo nabatshayayo bangazikhathazi. Khanifake Ifoto kwiincwadi zokuqala. Idilesi yakhe nantsi: P0 Box 8055, Llchetenburg, 2740.


UMOHUBA MOHLALEPELE NKADIMENG unama-26 eminyaka uthanda ukubhalelana namadoda aneminyaka ephakathi kwama-30 nama-40. Uthanda ukuphulaphula umculo, ukubukela ITV, ukudlala ibhola ekhatywayo nokukhenketha, lingedle zecuba nabaselayo bangazikhathazi. llncwadi mazibhalwe ngesipedi, ngaphakathi nithi khatha ifoto. ldilesl yakhe Ithl P0 Box 1898, Dennilton, 1030.

UJOHN KAHUADI unama-23 emlnyaka uthanda ukubhalelwa ngabantu abamthandayo uThixo. Uzonwabisa ngomculo wokholo, ukuzenzela abahlobo, ukushumayela, ukufunda iBhayibhile. ukuya etyalikeni, ukukhalisa ikatala,. ukucula, ukunyawuza Ibhiyisekile, ukukhenketha nokunkampisha.
Khanlmbhalele ngesiNgesi okanye lsiBhulu, ldilesi yakhe nantsi: P0 Box 502885, Gaborone, Botswana.

UJOE SEMU lityendyana eline-19 leminyaka elizingela umhlobo ngembalelwano ingakumbli amagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-16 nama-20. Uthanda ukudlala lbhola ekhatywayo, ukuya enkonzweni, ukupha izipho, ukufunda, ukubukela iividiyo nokuphulaphula umculo, Khanimbhalele ngesiNgesi. ldilesi yakhe ithi P0 Box 90083, Blantyre 9, Malawi.

UPATRICK MOTAUNG unama-37 eminyaka ethanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-18 nama-35. Unomdla wokubhala, ukufunda, imiba nje eqhelekileyo, umculo nokukhenketha. Abaselayo nabatshayayo bangazikhathazl ngokuphendula. Abhaleleni ngesiNgesi  lsiBhulu, isiSuthu, isiXhosa okanye isiZulu. ldilesi yakhe ithi: P0 Box 3597, Braamfontein, 201 7, Johannesburg.






UHazeI Mtshizana waseMonti uthanda ukufunda ikhosi ye information systems okanye eyebanking. Akugqiba unqwenela ukusebenza kwiikhompyutha.
-
UBeatrice Dlamini waseMessina uthanda ukwenza ikhosi zekhompyutha, uqinisekile ukuba iza kumnceda kwiphuio !oluntu asebenza ku!o.
UVictoria Letsosa waseLusuthu ngoku wenza ikhosi yebusiness studies. Akugqiba le khosi, ufuna ukwenza ikhosi yesales management, aze ke asebenze kweyona nkampani inku!u.

IMITHETHO:
1. Nabani na unokulungenela olu khuphiswano
ngaphandle kwabasebenzi namalungu eentsapho zabo bakwaLemon Lite, abakwaBona, ebakwalretec College neenkampani ezibhengeza iimveliso zabo. 2. Ikhuphoni nganye yengenelo mayiphelekwe yincwadi echaza isifundo osikhethileyo, ifoto yakho ebonisa amagxa nentloko osandul 'ukuylfota. lngenelo olizalisileyo lithumele kunye nezi zinto. 3. Abafikelele kumanqam mabakulungele ukuya eJohannesburg apho kuya kwenziwa isigqibo sokugqibela. 4. Amangenelo askretshiweyo akasayi kwamkelwa. 5. Umhla wokuvalwa kwamangenelo ngowama-31 kuAgasti 1996. Amabhaso anjengokuba echaziwe, akanakuntshintshwa abe yimali. 7. Abaphumeleleyo kufuneka baqalise izifundo zabo ungekafiki umhla wama-31 kujulayi 1997. 8. Abakwa lntec College nabaququzeleli bolu khuphiswano abasayi kubekwa ltyala ngendlela abangene ukhuphiswano abazipasa ngayo zilundo zabo. 9. Abaphumelelayo kufanele bazipase izifundo zabo.


ILEMON LITE VANISHING CREAM
enelamuni engaxutywanga nanto ikwenza ube nolusu olunganyinyithekiyo yaye ikwenza uzive umhle, ubukeke umhle.
-
USibongile Mavundla waseMpangeni
ufuna ukwenza ikhosi yokuthunga
iimpahla aze azivulele elakhe ishishini
Iokuthunga iilokhwe zokutshata.







NGABA SELE ULUNGENELE UKHUPHISWANO
OLUNOMDLA ILEMONLITE/BONA STAND OUT FROM
THE CROWD


Nanga amanye amawakawaka amangenelo esiwafumene kolu khuphiswano lunik' umdla. Ukuba akukalithumeli ingene!o Iakho, khawuleza! Ixesha lisekho, umhla wokuvalwa kwamangenelo ngowama-31 kuAgasti, 1996. Khumbula! ngenelo ngalinye kufuneka !ithunyelwe nesisongelo esinombhalo weLEMON LITE, ifoto yakho yentloko namagxa, uze usibhalele incwadi emfutshane, usixelela ukuba ufuna ukufunda eyiphi ikhosi.
	Nenekazi ngalinye kwangama-25 Aqaqambileyo Esihlweleni Iiza kuzuza ikhosi ekhethwe liIo nexabisa i-R2 500.
	l-.l 0 labagqwesileyo Iiya kuntingiselwa eJohannesburg Iize lihlale kweyona hotele yodumo.
	Abafikelele kumanqam baya kufumana itsheki ye-R3 000 yakwaLemon Lite Vanishing Cream.
	1-1 0 eligqwesileyo elingenele ukhuphiswano liza kudlan 'indlebe nabagwebi lize livele kwiEduspectrum.
	Ukuntinga ngenqwelo-moya, indawo yokuhlala, izithambiso, isibhadlalala setheko sangokuhlwa siya kuba sesasimahla sihlawulelwe ngabakwaLemon Lite ekuyivanishing Cream, ebaqondayo abaseTyhini Abaqaqambileyo Ngobuhle Esihlweleni.


 _I

IKHUPHONI OKUNGENELA
1 Thumela ingenelo lakho apha:
l STAND OUT FROM THE
i CROWD COMPETITION, RO. BOX 32067, MOBENI 4060 1AMANGENELO MAKAFIKE
1KUTHI NGAPHAMBI KOMHLA WOKUVALA WAMA-31

KUAGASTI, 1996.
l Gqibezela esi sivakalisi:
l Amanenekazi asebenzisa
I iLemon Lite     esihlweleni.
I Ngaba ilemon Lite Vanishing
j Cream yenziwe ngelamuni
yokwenene?
,Impendulo               
lgama                   Idiles                   

 ikhowudi       I lnombolo yefowuni       
L	1








Ukhuphiswano Lwencwadi
Yabantwana

Sinikezela ngeencwadi ezingama-20 zencwadi kalsobel Randall ethi Busisiwes Bicycle. Ukuze uzifumanele ithuba Iokuzuza enye yezi ncwadi, khawulezisa uthumele llfomu zokungenela!



UBUSISIWE'S BICYCLE yincwadi ebhalwe ngulsobel Randall eyazuza imbasa eyiWhite Ravan Award kwiThe Intemational Youth Library eMunich iyenye kwezintandathu kungcelele IweMacmillan Childrens Books. Ezi ncwadi zinamaqweqwe omeleleyo ahonjisiweyo kolu ngcelele zinamabali aseMzantsi-Afrika.

Libali elinempembelelo Ientwazana ezinikele ekufezekiseni umnqweno wayo wokukhwela ibhayisekile xa isiya esikolweni. UBusisiwe uziqokelelela imali kwaye ukhuthazwa ngumakhulu  notatomkhulu wakhe koko. Liba nomdla ngamandla eli bali xa uBusisiwe ekhetha ukuncamela usapho lwakhe okuthile ze ngalo ndlela kubonakale intsebenziswano  phakathi  kwezi  

             
Thumela ikhuphoni yakho
kwaBONA/MACMILLAN
BOOK G1VE-AWAY
COMPETITION, p.o. Box
32067, Mobeni, 4060.


Khetha ulwimi oluthandayo.

ENGLISH
SESOTHO
XHOSA
ZULU
                                                                                                                                                                                                
Gqibezela:

UBusisiwe's Bicycle yenye
yeenwadi ezintandathu
zongcelele
lwe.....Children's Books.

Igama:.........................................
Idilesi:........................................

.................................................
...................................................
Le ncwadi inemizobo emihle eyenziwe nguzacharia Sothoane waseGauteng ongumzobi onamava wezixhobo zokufunda zabantwana. Eli bafi liguqulefwe nakwiilwimi eziliqela zabaNtsundu ziingcali zemfundo ukuze zifundise abantu iilwimi ezininzi.

Ungcelele lweMacmillam Childrens Book luza kuba lulutho ubukhulu becala ebantwaneni abakhula umdla wokufunda, ebazalini abafuna ukubanceda, nakubafundi abangenzi didi lokuqala kulwimi lwesingesi.
AbakwaMacmillan bakhuthaza ukufunda ngeelwimi zabaNtsundu kwaye bakholelwa ekubeni olu ngcelele luza kukhuthaza ukufunda ngeelwimi ezahlukenyo.

Nangona ezi ncwadi zingekafumaneki kwiivenkile zeencwadi okwangoku zinokuodwa kuzo.
Sinikezela ngeencwadi eziNTLANU kulwimi ngalunyo - isiNgesi, isiSuthu, isiXhosa nesiZulu. Xa ungenela olu khuphiswano, zalisa ifomu uyithumele ngaphambi komhla wama-27 kuSeptemba, 1996.

